Thursday 8 September 2011

Mhla ndini


Ndiyakukhumbula mhla ndini kwedini
Mhla babexhelwa bexhokonxwa benqunqelwa egoqweni
Bebuza oonina ukuba inzala yabo yenziwa ntoni na

Ide yalishumi elinesibini iminyaka sizibuka
Ezo ngcango zakho ziko [mzi] lwezemfundo [wezemfundo]
Sibhala, sibala, sikhala, sidlala sifunda izakhono zobomi
Abafundisi-ntsapho beqhuqha inkwethu engqondweni
Besenjenjaya, mhla ndini, bekhohlela imfundo beqinisa ngenduku

Namhla u-a uyaziwa ukuba uliqanda elinentonga ecaleni
Namhla uqabaniso nomanyano siyalwazi;
U-A no-U bakhupha u-O
Wayenjenjalo umfazi womthonyama ezamana nabomgquba

Kwedini izibalo zibethwa ziyokuxela
Ezoqoqoqosho nezoshishino kuphoselwana ngazo
Ngapha, nangapha nangaphaya
Imfuyo nezolimo zidlikidlwa zidlobe okwamatakane abona unina
EzoKhenketho zigqwesile mpela
IKhompyutha icofwa-cofw’ icofeke kude kunqande iincutshe
EzamaZwe neMozulu zinjenge sonka semihla ngemihla
Ewe makwedini ezeNzulu-lwazi zigocwagocwa ziingqondi
Sizincutshe nakwezobuGqirha
Siteketa sinjenjeya: De bhoyi izikhikhingi debholi
Izinzame ezo zokufunda ulwimi lokunxibelelana nabasemzini

Kunibalusi balo mhlambi.
Kunibomahamba le ndlela
Umzi wonke kaPhalo
Makunge lo mnyadala uzibulela eminye emihle enjena

Kuniboso-theko, kuni zimbejembeje ezixakath’ umxakatho
Esi sikhumba simnyama nesembathileyo yanga singahlala isisinxibo senu
Kaloku lemigudu nalemizamo asiyoyalize
Sifuna imvaba-ngeemvaba zazi leNjongo ukuba
Ikhuphe izihlonitshwa ezinini

Zenifunde makwedini imfundo niyityekeze
Nazi ukuba sekumzuzu niphumelele olugqatso
Bafundisi ntsapho nomzi wonke;
Maz’anethole!
Halala Mzontsundu, Halala
Nditsho kuni mzi wase Joe Slovo, halala!
Ndigoduseni mathenjwa ndini ndivumeleni
Ndigoduseni mathenjwa ndini ndivumeleni
Iyho!!


Imbongi ayinatyala, ibhodla ekuphakiweyo. Rhabula apha ke wena, ungafinci

Ngu: SNLV kaJolinkomo