Showing posts with label LGBT. Show all posts
Showing posts with label LGBT. Show all posts

Tuesday, 6 December 2016

Yho umAfrika undilahlile

Haz' ukuba ndeenzani na?
Sono sam yintoni na?
Ubugqi obungaka kweli lizwe
Inkohlakalo engaka kulo mhlaba
Owu mawethu, igqwirha elandithakathaka sela sweleka, ndiyacinga
Kodwa ubugqirhwa balo bundihleli okwe meva emxhadini
Ndijikwele nangulo bendisilwa naye ubuhlanga
Ndilityelwe nangulo bendimncedisa ukulwa ukubalulwa ngesini
Ndindedwa ndililolo, inkomo edla yodwa
Baphi na ababengamahlwempu ndawonye nam?
Sisokola sithuthuzelana sikhuthazana sonke elokishini?

Yho umAfrika undilahlile, ndingumAfrika mna kuqala, mandikhe ndizibuze?
Ngoba ndoniwa nanguye umAfrika
Undijulele lee kwingcuka ukuba zindiqwenge
Namhlanje ubumna asibubo ubuAfrika
Kunamhlanje inkululeko ifikile, ooTseko Simon Nkoli balityelwe
Singooswelindawo, oNoluvo mntwan' omntu, phumla ngoxolo sisi
Awuwedwa nabanye sebephambili
Esaba xuthwa ngamarhancwa ebesiba ngabantakwethu

Lumkani maAfrika, yakheleni umkhanyo le nto
Hleze nilahle imbo ngophoyiyana
Niyilibale indebe endala
Yokuba umntu ngumntu ngabantu
Nenzele undwendwe, owasemzini, umyurophu ikhaya eAfrika, ngeliphandle ubuntu
Abanye abantu babeyimindlwambe eniyitshutshisayo niyincika
Bayaphela oodadebethu nabantakwethu apha phandle
Siyaphela isizwe samaAfrika nijongile
Zemk' iinkomo zobawo magwala ndini
Ndiyekeni mathenjwa ndini ndizityande igila
Imbongi ayinatyala ibhodla ekuphakiweyo

Monday, 31 October 2016

I am a radical BLACK Queerist

I am a radical BLACK Queerist*: I only fight for black queers. Long have white queers used our bodies to get "rights" then ditch us. #NoMore

I am a radical BLACK Queerist: I only fight for black queers. Long have black cishets used our bodies in the "black" struggle & then kill us

I'm a radical BLACK Queerist: I only fight for black queers. Long have black heteros used our bodies for numbers in "black" struggle&hate us

I'm a radical BLACK Queerist: I only fight for POOR black queers. Long have other black queers, left us in the ghettoes because we're GHETTO

I'm a radical BLACK Queerist: I only fight for POOR black queers. Long have other cisgendered LGB+ people hated us for our hyperfemininity!

I'm a radical BLACK Queerist: 'cause I'm POOR, black, trans, queer, anti-normative, gay, from the Ghetto&am Ghetto, forgotten, hated, hunted

I am a Radical BLACK QUEERIST because I did not choose this and therefore I have no other option.


*Queerist: ghetto queer