Thursday, 18 August 2016

NdingumAfrika eAfrika na?


NdingumAfrika eAfrika na?

Ndizalelwe eAfrika, ondizalayo naye wazalelwa apha eAfrika
Lomnombo wobuAfrika wenjenjalo ukukhenketha kumacwecwe embali
Mbali leyo eyacinywayo, yafinyezwa, yenziwa mfiliba
Kusiliwa obu buAfrika bam

Bubo obu Afrika obungenanto, ingako, ibonakalayo namhlanje
Ngoba: NdingumAfrika eAfrika,
Ndizalelwe eAfrika, ondizalayo naye wazalelwa apha eAfrika
Ezalwa ngozelelwe eAfrika, kube njenjalo ukuyakutsho kwintsusa yehlabathi
Kodwa akukho nanye into eyeyam eAfrika

Sendimana ndiduda, ndigqushalaza, ndizabalaza, nditsholo ezantsi ukuba
NdingumAfrika eAfrika, Ndizalelwe eAfrika,
Ondizalayo naye wazalelwa apha eAfrika
Kodwa kucace gca, ukuba, akukho nanye into yaseAfrika ekumel’ ukuba ndibenobango kuyo

Andinamhlaba tu kweli laseAfrika, nakulo lonke elimiweyo,
Andinazambiwa, nasinye, ngoku zombiwa apha eAfrika, kodwa ndiyomba
Ndiyombela, hayi kuba ndinenkenqe yokhokho bethu, ooNtsikana ababeyombela
Ndombela isizukulwana salowo iquza lakhe lisentanyeni yam

Sona isikade simile: Andinayo nanye into eAfrika
Ndiphila ngamatorho, ngokungqiba kwabasemzini,
Ndiphila ngokuyekelelisa intloko, ndijingise inyeke,
Ndomelwe yimatha, kuba kubi akukuhlanga tu, kwaphela

Kodwa: NdingumAfrika eAfrika, Ndizalelwe eAfrika,
Ondizalayo naye wazalelwa apha eAfrika, Ezalwa ngowazwalelwa eAfrika
Nto leyo ndingaziyo nokuba lilishwa nokuba lithamsanqa na
Ngoba amaAfrika ayakhasa kulo lonke elimiweyo
Ukususela eKapa ukuya kuqhina eKhayiro, Ukuphuma eMelika ukuyakutshona eNyuzilanti
Akukho kuphumla kubukhoboka bamaAfrika, nalapha eAfrika
Nalowo ufumene itarhu lokuba phantsi kwedyokhwe, ngokuqashwa,
Ubulela isonka nje, akukho nto ingako, kaloku ubucaka bobaphakade, ndiyabona

Othe waba ufulathelwa ngamawabo kwaphela, uxel’ ukhetsha ukudla amantshontsho ezinye iintaka
Naye eyintaka phofu, Akacingi tu ukuzingela ezinye izilwanyana,
Ingenguye wenzeni, ibubungozi amelana nabo xa axhumela irhamncwa nenzala yalo
Yho! Sofa siqhankqalaza.
Xa sicinga kuyalunga kuyonakala; Xa becinga kuyonakala bayalungelwa
Linzima igqirhwa elasithakathatyo

NdingumAfrika eAfrika,
Ndizalelwe eAfrika, ondizalayo naye wazalelwa apha eAfrika
Kodwa ndingoyena mntu ungaziviyo ndisekhaya eAfrika
Ndihlala ndizibamb’ umzimb. Mhlaw’mbi ndingowasemzini apha.
Kumele ndibesimilo simbi ukuze ndamkeleke kule Afrika kaloku
Kumele ndithethe lwimi lumbi, ndinxibe sinxibo simbi, ndinqule thixo umbi,
Ndizimase masiko wambi, ndifunde mfundo imbi, ndamkele kuphila kumbi
Ndikholwele zizinto zimbi. Ndamkele ukuba nembali ethile.
Ndithetha-thethane, ndingazula-zuli kuyo yonke indawo
Ukuze ndibenako ukuvunyelwa ukuphila eAfrika, ngokwasemthethweni noko

Tyhini kodwa uxhelekile umoya, wonzakele umzimba wam,
Udandathekile umphefumlo wam, nengqondo yam ixinezekile
Ngoku ungaba naso njani isibindi sokuthi kumele ndiqinise ukusebenza ndophila?
Bubugqi bantoni obu ubushumayelayo bokokuba intsokolo yam yenziwe kukonqena kwam?
Izinto zodlala azaziwa ndiyabona. Inxeba lale ndoda ingumAfrika yintlekisa!
Kodwa kuthiwa mandibe ngumntu woxolo, anditsho?
Kodwa ndiyayalwa, mandingazilweli utshaba lwam, akunjalo?
Tyhini, bendiba ndiyingqondi kanti ndisisiyatha.
Bendibasendikhanyiselwe kanti ndiyabula kwisitho-thoko sobumnyama.
Lento kuthiwa lutshaba, iyabhanxa!
Indithengisele amaphupha, ndayinika ukuphila.

Imbongi ayinatyala. Ibhodla ekuphakiweyo. Rhabula apha ke wena, ungafinci.
Ndegram.

SNLV kaJolinkomo
18/08/16 20:30



Saturday, 13 August 2016

Isikhalo somont’ omnyama

Kuyo ‘zo kube nini sikhala na?
Isikhalo somont’ omnyama yingoma kusini na?
Isingqala sentsana zaseAfrika ingaba ligubu, kubani na?
Iinyembezi zokhokho bethu zigxizela kumlambo iNayile yini na?

Nisohlula-hlule, umntu nomntakwabo, nisithelekisile
Nasaba nasenza abenu singamathole eAfrika
Nasifundisa ukungabon’ ubuntu bomnye umAfrika
Kodwa sihlale sibona abasemzini njengabantu

Kunamnhlanje iilwimi zasemzini zilwimi zeenkobe
Iilwimi ezingamakhulu zaseAfrika zithathelwa ingqalelo
Zibekelwe emva kwezabaphambuki abasuka basicinezela
Akukho ntsana inokuzuza imfundo ingaz’ulwimi lwaseYurophu

Imbali yethu yenziwe yabhanga ezikolweni, sifunda eyezinye izizwe
Ababhali bomthonyama benziwe inkunkuma, bagqwaliswa
Bona abeentlanga bayagqama,bangamagqala neentshatsheli zolwazi
Hayini maAfrika! Hayini!

Oothixo nezinto zethu ezingccwele zitshabhisiwe
Zeziwa ezoMtyholi, ezesi”mnyama”, zathiya
Abantu beAfrika balahlekisiwe kodwa!
Sanikwa iinkolelo ezingangqinelaniyo nathi
Laqhekezwa usapho ngoothixo basemzini
Uyalila uQamata apho akhoyo, ulilela usapho lwakhe
Eyona nto ayingcwalisile ibulalelwe yinkolo

Kubi, kunzima, emazweni ethu kuyasokolwa
Imibonekiso yaseNtshona ixhonywe kwiinkundla zethu
Uqhanqalazo lwabafundi luwele kwiindlebe ezisithulu
Banicelile benibongoza ukuba nothule imiqingqwa
Yhini! Kwelixesha sivumelanayo ukuba uRhodes wasicinezela
Singanabo na abantu abathatha iqhayiya lokummisa entla?

Imigodi eyombelwe thina ngamangcwaba kuphela
Imigodi yegolide yombelwe izizukulwana zabamhlophe
Ubutyebi bethu buthathwa sijongile
Siyancedisa nathi ukuyisa ngaphesheya imali yethu
Sisebenza nzima ukuze ezinye iintlanga ziphumelele
Akukho namvuzo nasebelo sibonakalayo kubucaka bethu
Tyhini! Le nto inguMyuroph’ ibhadlile
Isuke lee yazosiphatha kwimizi yethu!

Ndiyanqanda. Ndiyakhuza. Ndiyanibongoza.
Musani ukuvuma ukuba ngabantu abangenaxabiso
Musani ukuvuma ikati irhuqelwe eziko nikhona
Phaphamani ziyaphela iinkomo zoyihl’ omkhulu ebuhlanti
Vukani nibulale ingcuka le igqiba imfuyo ekhaya
Isibaya siyaphela nilibele kukuzimasa isidima soBuntu
Nakuzigqibela nisithi ningabantu nothuke niyimipha
Niyayazi ukuba ichutyiwe emva koko iyalahlwa

MaAfrika masilweni, silweleni ubutyebi bethu!

Imbongi ayinatyala, ibhodla ekuphakiweyo. Rhabula apha ke wena, ungafinci

Ngu: SNLV kaJolinkomo

Mnt’ omnyama

Uyingweletshetshe, iqhawe, ikroti, ingonyama nomoyisi, mnt’ omnyama.
Wena onobumnyama obothus’ ilanga bukhuphe ithunzi elinesithozela
Mnt’ omnyama, uphi onjengawe?
Ungoyena mntu ndimaziyo womeleleyo!

Waadlula emlilweni wocalucalulo.
Usilwa ugqushalaza uxel’ isikhukukazi sibona ukhetsha ezoqwengw’ amantshontsho.
Sithi aba simile namhlanje ngenxa yokunikela ngobomi bakho,
Ngenxa yokuzincama kwakho wafela isizukulwana sethu

Ewe nina babenibamba, benithimba, beningcungcuthekisa,
Nina babenihlaza, nirhuqelwa isidima eludakeni
Nina bookhokho bethu,
Enani tambata ngenyawo nisilwa amabhulu namangesi
Nditsho nani bantu bethu bomoya,
Enabulalelwa ukudlulisa imiyalezo yabaphantsi
Ewe, nina magorha ethu enalwelwa isizwe sakwaNtu
Babenizingela njengezilwanyana.
Benixhokonxa, benikorhola, benithuthumbisa
Kodwa naphila kunjalo!

Mfihlelo ini enaninayo?
Ayingawo amandla omonde, nethemba?
Nijonga ukuba ingomso liniphatheleni
Asikuko na ukukholwa ukuba zonke izinto zobuya zilunge?
Sitsho amandla okuqhankqalaza, ningavumi ukucinezelwa ezweni lenu
Ewe amandla okuba nesibindi sokubamba iintlangano zokupolitika,
Nina nabamb’ ibhazuka yaseRashiya, nevolovolo laseTyhubha!
Naba namandla okuvisa utshaba intlungu ekudala nani niyiva
Nalulwa, naloyisa, nalupha nxolo olwalungabafanelanga, ngoba ningabantu bobuntu
Bubo ke obo ubuthixo benu, Bantu, nzala kaNtu

Ke? Ayinini ookhokho bethu na?
Anizizo izinyanya zethu, kwisini na?
Asililo igazi lenu elibaleka emithanjeni yethu na?
Ingaba asizontsana zenu yini na?
Kanti asisiso isizukulwana enasilwelwayo thina na?
Ngoko ke. Sinawo nathi lo mandla nani nawo

Sinabo ubugorha nobukroti enaninabo!
Nathi sinaso isibindi enaninaso!
Kwaye siyifumene inkululeko  enayilwelwa!
Sikhululekile kumatyathanga namaqhina kaBotha
UVelavuthe akaphumelelanga tuu kwaphela
Nina magorha ethu

Lo nto ke sithe chatha ukuba nezixhobo kunani booyisekazi
Utshaba sisalulwa nanamhlanje
Intlupheko, ubuqaba, ubuqhophololo, ubusela, impatho mbi yabasetyhini
Silwa neziyunguma ezigqiba ulutsha lwethu
Iindywala, iziyobisi, ubundlobongela nobugwinta

Silwelwa imfundo efikeleleka kuluntu lonke
Ukuvulelwa kwabantu bonke amasango amaziko ezempilo
Sigwayimbela ukuvuzwa kwabantu ngendlela eyiyo eluxilongweni
Siqhanqalazela amalungelo abantwana, eenkonde neenkondekwazi
Simela abantu abayimilwelwe, umlisela nomthinjana
Iintsana ezingenako kuzilwelwa, siyazivikela kububi balo mhlaba
Sisebenzisa amandla enasishiya nawo, sithatha apho nayeka khona
Ekugqibeleli kuzakuvunywa ukuba iAfrika likhaya.
Ikhaya lawo wonke umntu ophilila kuyo!

UMzantsi Afrika yabo bonke abantu abaphila kuyo, abantsundu nabamhlophe!

Imbongi ayinatyala, ibhodla ekuphakiweyo. Rhabula apha ke wena, ungafinci

Ngu: SNLV kaJolinkomo