Showing posts with label imbongi yomthonyama. Show all posts
Showing posts with label imbongi yomthonyama. Show all posts

Wednesday, 28 September 2016

iIntersectionality lena yeyaseAfrika, sithi ukuyibiza buBuntu


















Gqaba gqaba!
Mandigqabazelise nje ngala magqabantshintshi
Ndithi alukho usana olungenanina

Mandigawule ndiwarhuqa, mawethu
Sizwe sakwantu, nina nimbal’ omdaka
Nzala kaNtu, ntsana zabantsundu
BaNguni sizukulwana saseAfrika
Ewe kaloku nini amaAfrika okwenene
Nangona umhlaba nawuhluthwayo

Mvaba ngemvaba zomzi waseAfrika
Sizukulwana sikaPhalo: maXhosa, MaGcaleka nani booRharhabe
BaThembu, maMpondo namaMpondomise
MaGqunukhwebe, MaMfengu, MaBhaca naMaBomvana,
MaHlubi, BaMbo, sizukulwana sikaSenzangakhona
NinabakaMoshoeshe, nanibakaMzilikazi
Nina nonke nisesinyini saseAfrika nasemntla-Afrika

Ndivumeleni ndityatyadule
Ndenjenje ukuzityand’ igila
Imbongi ayinatyala, ibhodla okuphakiweyo
Iphina na intaka exhwith’ uboya bamantshontsho wayo
Ithi yakha umzi?
Silwane sini esithi sivukele inzala yaso sithi silwa umzingeli?
Ke ..., nto enaniyibona phi le niyenzayo?
Masikizi mani laa nizimise ukuqhuba ngawo?
Nanikhe nayivaphi into yokubulala umntu ngenxa yothando?

Nithi ukuthanda isini esinye asisubo ubuAfrika
Kodwa ndiyabona ukubulula nokudlwengula bubo bona, andithi?
Xa iintombi zenu niziqwengwa okwexhalanga,
Nithi udyakalashe makathini?
Niyimele into yokuba luhlazo ukubona amanina embatha ngangubo nye
Nithi nidlwengula ezintsana ngenxa yokuthando isini esinye
Aniboni tu ukuzichana kwenu kubhontsi?

Ayaphi na amanina azokuzilela ooPhumeza Nkolonzi nooSihle Sikoji?
Isihlwele sona siyasiva isikhalo sabo oo Disebo Gift Makau
Khanimeni ndibuze: Aniyilahlanga indlela kodwa?
Nto naniyiva ngabani le yokungcungcuthekisana?
Hayini maAfrika ndiyanqanda,
Khaniyikhele umkhanyo noko le nto?
Nigrenyana nje, ningagqibani!

Kuya kuphela nini ukudlana izithende kulo umzi wamaAfrika?
Kuyakuphela nini ukunukana silusapho lwamaAfrika?
Lo wethu umzi nithi uyakuze ume kwisini na?
Ewe ukufa kusembizeni.
Kodwa umqomi wayo sanukuvuma ukuba ibenini!
Ezinye intlanga zenza intlekisa ngani
Ziyabizana zithi: bajongeni ooxam bayaphaxulana
Nanikhe nababona na abasemzini bezikhohlakalele iintsana zabo?
Ndiyanikhuza ngoba abaMhlophe bayagqumana umhlane
Babumbene oko dongwe, bekhusela iintsana zabo:
Ke nina noyiswa yintoni ukubambana noba anivisisani?

Olona tshaba nilubonayo kubona amadoda kumandlalo mnye?
Lisebenzile iqhinga lomtyholi apha kuni.
Oyena mgqiba mzi nimvayo kukuthandana kwamadoda na?
Iinkomo zobawo zamnkiswa kukubona amanina ethandana, andithi?
Imihlaba yaxuthwa kuba kwabhentsiswa le nyewe, yaveziswa esihleni?

Yhe utshaba lunididile, luniphixanisile lanishuya niqwengana
Lona lizandla sizumsulwa, oko phezulu
Asilulo na utshaba oluzenodlame lokubulalana xa ningavumelananiyo?
Aniboni na ukuba sithelekisiwe omnye nomnye?
Bona bayabulalana na, khanizibuze?
Njengokuba nitshabalalisana; ningalibali ukuba bona bayakhana
Iintlanga ezihluthe ubutyebi bethu, ingaba ziyazingelana na?
Ngoku ke thina kutheni singenakusebenzisana?
Ukungaboni ngaso linye akutsho ukukhuphana iliso

Esikwaziyo kukolula isandla kwabamhlophe sixolele
Sizincutshe ekubulaleni abantakwethu, andithi?
Bawele icingo bezobhenela kuthi, njengoko nathi sasenjenjalo kucinezelo lwethu
Kodwa sabandulula, sibabhula, sibajonga ngeentshiya ezimnyama, sibafungela ngophakathi
Lo nto ibhadlile le nto ingumYurophu iphinda ikhomba umnwe apha kuwe
Ithi bajongeni, zizilwanyana bayaqwengana

Ndiyanibongoza maAfrika
Abasetyhini nabathanda isini sinye
Namanye amaAfrika ezinye izizwe masibambisane nabo
Singabatyesheli oodade nabantakwethu, amaqaba singawadeleli
Amahlwempu neenkedama singawalibali
Umlisela nomthinjela simkhumbule.
Sonke thina bantwana bomgquba singabantwana beAfrika
Ngoko ke kumele sibambisane
iIntersectionality lena yeyaseAfrika, sithi ukuyibiza buBuntu

Ingcuka izirhuqile esibayeni iinkomo zobaw’ omkhulu
Masibengamakhalipha, ingqondi sizibuyise
Siqondane notshaba olujongene nokusahlula
Lusihlula-hlule, lusabe, lusoyise
Masiphaphameni simanyane
Hleze sivuke nathi sesingabathinjiweyo kwelo yis’ omkhulu
Masazini ukuba akukho esinokwenza sisodwa
Kodwa sikunye, siyimbumba yaseAfrika, umkhosi wabantsundu soba lulutho

Mvumeleni ke uMbo nomXesibe abe ngomnye wethu
MKhululeni uMnguni noMSuthu abe sisizwe esinye nathi
AmaMpondomise, maka mise iimpondo enjenje ukulungisa
AbaThembu mabavusele isazela kumaAfrika onke
UZulu makakhulule amandl’ ezulu asixhobise
AbaThwa mabasiqondise iindlela ezithe tye
Masikhumbululeni ukuba singamaAfrika, siphuma sizalweli sinye sonke

Ugqibile ukuyinabisa umzululwana kaJada indaba, sethethile,
Sitshilo isizukulwana sikaSibiside, uMalanganga kaMnguni kaAfrika
UJola uwaphosile amazwi kwabandlebe zivaya
UJolinkomo, uNgwanya, UMphankomo noQengeba ugqogqile iindlebe ezisithuli
UMfaz’ obele lide oncancisa nangaphayo komfula, uqhuqhile inkwethu emehlweni
Kukuni ke ukuba niyakuva okanye nizenze izithulu
Kukuni ukuba uNjuza, uS’thukuthezi, uHakaha uHodoshe nakungamhoyi
Lo uthandwa mhla kukubi, uyithethile ebeyithunyiwe
Livumeleni ithole loMthwakazi lihle lingene esidlangalaleni
Imbongi ayinatyala nangoku ibhodla okuphakiweyo

Ndegram

Thursday, 18 August 2016

NdingumAfrika eAfrika na?


NdingumAfrika eAfrika na?

Ndizalelwe eAfrika, ondizalayo naye wazalelwa apha eAfrika
Lomnombo wobuAfrika wenjenjalo ukukhenketha kumacwecwe embali
Mbali leyo eyacinywayo, yafinyezwa, yenziwa mfiliba
Kusiliwa obu buAfrika bam

Bubo obu Afrika obungenanto, ingako, ibonakalayo namhlanje
Ngoba: NdingumAfrika eAfrika,
Ndizalelwe eAfrika, ondizalayo naye wazalelwa apha eAfrika
Ezalwa ngozelelwe eAfrika, kube njenjalo ukuyakutsho kwintsusa yehlabathi
Kodwa akukho nanye into eyeyam eAfrika

Sendimana ndiduda, ndigqushalaza, ndizabalaza, nditsholo ezantsi ukuba
NdingumAfrika eAfrika, Ndizalelwe eAfrika,
Ondizalayo naye wazalelwa apha eAfrika
Kodwa kucace gca, ukuba, akukho nanye into yaseAfrika ekumel’ ukuba ndibenobango kuyo

Andinamhlaba tu kweli laseAfrika, nakulo lonke elimiweyo,
Andinazambiwa, nasinye, ngoku zombiwa apha eAfrika, kodwa ndiyomba
Ndiyombela, hayi kuba ndinenkenqe yokhokho bethu, ooNtsikana ababeyombela
Ndombela isizukulwana salowo iquza lakhe lisentanyeni yam

Sona isikade simile: Andinayo nanye into eAfrika
Ndiphila ngamatorho, ngokungqiba kwabasemzini,
Ndiphila ngokuyekelelisa intloko, ndijingise inyeke,
Ndomelwe yimatha, kuba kubi akukuhlanga tu, kwaphela

Kodwa: NdingumAfrika eAfrika, Ndizalelwe eAfrika,
Ondizalayo naye wazalelwa apha eAfrika, Ezalwa ngowazwalelwa eAfrika
Nto leyo ndingaziyo nokuba lilishwa nokuba lithamsanqa na
Ngoba amaAfrika ayakhasa kulo lonke elimiweyo
Ukususela eKapa ukuya kuqhina eKhayiro, Ukuphuma eMelika ukuyakutshona eNyuzilanti
Akukho kuphumla kubukhoboka bamaAfrika, nalapha eAfrika
Nalowo ufumene itarhu lokuba phantsi kwedyokhwe, ngokuqashwa,
Ubulela isonka nje, akukho nto ingako, kaloku ubucaka bobaphakade, ndiyabona

Othe waba ufulathelwa ngamawabo kwaphela, uxel’ ukhetsha ukudla amantshontsho ezinye iintaka
Naye eyintaka phofu, Akacingi tu ukuzingela ezinye izilwanyana,
Ingenguye wenzeni, ibubungozi amelana nabo xa axhumela irhamncwa nenzala yalo
Yho! Sofa siqhankqalaza.
Xa sicinga kuyalunga kuyonakala; Xa becinga kuyonakala bayalungelwa
Linzima igqirhwa elasithakathatyo

NdingumAfrika eAfrika,
Ndizalelwe eAfrika, ondizalayo naye wazalelwa apha eAfrika
Kodwa ndingoyena mntu ungaziviyo ndisekhaya eAfrika
Ndihlala ndizibamb’ umzimb. Mhlaw’mbi ndingowasemzini apha.
Kumele ndibesimilo simbi ukuze ndamkeleke kule Afrika kaloku
Kumele ndithethe lwimi lumbi, ndinxibe sinxibo simbi, ndinqule thixo umbi,
Ndizimase masiko wambi, ndifunde mfundo imbi, ndamkele kuphila kumbi
Ndikholwele zizinto zimbi. Ndamkele ukuba nembali ethile.
Ndithetha-thethane, ndingazula-zuli kuyo yonke indawo
Ukuze ndibenako ukuvunyelwa ukuphila eAfrika, ngokwasemthethweni noko

Tyhini kodwa uxhelekile umoya, wonzakele umzimba wam,
Udandathekile umphefumlo wam, nengqondo yam ixinezekile
Ngoku ungaba naso njani isibindi sokuthi kumele ndiqinise ukusebenza ndophila?
Bubugqi bantoni obu ubushumayelayo bokokuba intsokolo yam yenziwe kukonqena kwam?
Izinto zodlala azaziwa ndiyabona. Inxeba lale ndoda ingumAfrika yintlekisa!
Kodwa kuthiwa mandibe ngumntu woxolo, anditsho?
Kodwa ndiyayalwa, mandingazilweli utshaba lwam, akunjalo?
Tyhini, bendiba ndiyingqondi kanti ndisisiyatha.
Bendibasendikhanyiselwe kanti ndiyabula kwisitho-thoko sobumnyama.
Lento kuthiwa lutshaba, iyabhanxa!
Indithengisele amaphupha, ndayinika ukuphila.

Imbongi ayinatyala. Ibhodla ekuphakiweyo. Rhabula apha ke wena, ungafinci.
Ndegram.

SNLV kaJolinkomo
18/08/16 20:30



Saturday, 13 August 2016

Isikhalo somont’ omnyama

Kuyo ‘zo kube nini sikhala na?
Isikhalo somont’ omnyama yingoma kusini na?
Isingqala sentsana zaseAfrika ingaba ligubu, kubani na?
Iinyembezi zokhokho bethu zigxizela kumlambo iNayile yini na?

Nisohlula-hlule, umntu nomntakwabo, nisithelekisile
Nasaba nasenza abenu singamathole eAfrika
Nasifundisa ukungabon’ ubuntu bomnye umAfrika
Kodwa sihlale sibona abasemzini njengabantu

Kunamnhlanje iilwimi zasemzini zilwimi zeenkobe
Iilwimi ezingamakhulu zaseAfrika zithathelwa ingqalelo
Zibekelwe emva kwezabaphambuki abasuka basicinezela
Akukho ntsana inokuzuza imfundo ingaz’ulwimi lwaseYurophu

Imbali yethu yenziwe yabhanga ezikolweni, sifunda eyezinye izizwe
Ababhali bomthonyama benziwe inkunkuma, bagqwaliswa
Bona abeentlanga bayagqama,bangamagqala neentshatsheli zolwazi
Hayini maAfrika! Hayini!

Oothixo nezinto zethu ezingccwele zitshabhisiwe
Zeziwa ezoMtyholi, ezesi”mnyama”, zathiya
Abantu beAfrika balahlekisiwe kodwa!
Sanikwa iinkolelo ezingangqinelaniyo nathi
Laqhekezwa usapho ngoothixo basemzini
Uyalila uQamata apho akhoyo, ulilela usapho lwakhe
Eyona nto ayingcwalisile ibulalelwe yinkolo

Kubi, kunzima, emazweni ethu kuyasokolwa
Imibonekiso yaseNtshona ixhonywe kwiinkundla zethu
Uqhanqalazo lwabafundi luwele kwiindlebe ezisithulu
Banicelile benibongoza ukuba nothule imiqingqwa
Yhini! Kwelixesha sivumelanayo ukuba uRhodes wasicinezela
Singanabo na abantu abathatha iqhayiya lokummisa entla?

Imigodi eyombelwe thina ngamangcwaba kuphela
Imigodi yegolide yombelwe izizukulwana zabamhlophe
Ubutyebi bethu buthathwa sijongile
Siyancedisa nathi ukuyisa ngaphesheya imali yethu
Sisebenza nzima ukuze ezinye iintlanga ziphumelele
Akukho namvuzo nasebelo sibonakalayo kubucaka bethu
Tyhini! Le nto inguMyuroph’ ibhadlile
Isuke lee yazosiphatha kwimizi yethu!

Ndiyanqanda. Ndiyakhuza. Ndiyanibongoza.
Musani ukuvuma ukuba ngabantu abangenaxabiso
Musani ukuvuma ikati irhuqelwe eziko nikhona
Phaphamani ziyaphela iinkomo zoyihl’ omkhulu ebuhlanti
Vukani nibulale ingcuka le igqiba imfuyo ekhaya
Isibaya siyaphela nilibele kukuzimasa isidima soBuntu
Nakuzigqibela nisithi ningabantu nothuke niyimipha
Niyayazi ukuba ichutyiwe emva koko iyalahlwa

MaAfrika masilweni, silweleni ubutyebi bethu!

Imbongi ayinatyala, ibhodla ekuphakiweyo. Rhabula apha ke wena, ungafinci

Ngu: SNLV kaJolinkomo