Showing posts with label maAfrika. Show all posts
Showing posts with label maAfrika. Show all posts

Sunday, 6 November 2016

Umbongo ngokumanyana kwamaAfrika

MaAfrika, maAfrika, ndiyakhuza, maAfrika
Mlisela nomthinjela womzi waseAfrika ndiveni
Khanizibaze okomvundla niphulaphule
Imbongi ayinatyala ibhodla okuphakiweyo

Nanku umba, nantsi inyewe, nanku umdla-mzi
Safa sibulalana singamaAfrika ngenxa yobuzwe
Aphela amathemba, atshona amalanga, siphathana kakubi
Wawa umAfrika ewiswa sisandla somnye
Waxatyelwa umkhuluwa exhelwa ngumniniwe wakhe
Kubi abadala bayabuza iZenobani, omnye uyaphendula: IzenoFobiya?

Kaloku esikwaziyo kukolula isandla kwabamhlophe sixolele
Sizincutshe ekubulaleni abantakwethu, andithi?
Bawele icingo bezobhenela kuthi, njengoko nathi sasenjenjalo kucinezelo lwethu
Kodwa sabandulula, sibabhula, sibajonga ngeentshiya ezimnyama, sibafungela ngophakathi
Lo nto ibhadlile le nto ingumYurophu iphinda ikhomba umnwe apha kuthi
Ithi bajongeni, zizilwanyana kodwa aba bantu, ngoku bayaqwengana

Ndiyanibongoza maAfrika masiyekeni ukubulalana
Abasetyhini nabathanda isini sinye 
Namanye amaAfrika ezinye izizwe masibambisane nabo
Singabatyesheli ecaleni sithi sithi sodwa amaAfrika okwenene
Oodade nabantakwethu bakwamanye amazwe masisebenzisane nabo
Amaqaba singawadeleli, amahlwempu neenkedama singawalibali
Umlisela nomthinjela simkhumbule.
Masingavumini tu ukuthelekiswa ngabasemzini
Sonke thina bantwana bomgquba singabantwana beAfrika 
Ngoko ke kumele sibambisane

Ingcuka izirhuqile esibayeni iinkomo zobaw’ omkhulu
Masibengamakhalipha, ingqondi sizibuyise ngobulali
Siqondane notshaba olujongene nokusahlula
Lusihlula-hlule, lusabe, lusoyise
Masiphaphameni simanyane
Hleze sivuke nathi sesingabathinjiweyo kwelo yis’ omkhulu
Masazini ukuba akukho esinokwenza sisodwa
Kodwa sikunye, siyimbumba yaseAfrika, umkhosi wabantsundu soba lulutho

Mvumeleni ke uMbo nomXesibe abe ngomnye wethu
MKhululeni uMnguni noMSuthu abe sisizwe esinye nathi
AmaMpondomise, maka mise iimpondo enjenje ukulungisa
AbaThembu mabavusele isazela kumaAfrika onke, njengabesithembu
UZulu makakhulule amandl’ ezulu asixhobise
AbaThwa mabasiqondise iindlela ezithe tye zasemandulo
Masikhumbululeni ukuba singamaAfrika, siphuma sizalweli sinye sonke siphela

Ugqibile ukuyinabisa umzululwana kaJada indaba, yena, sethethile, 
Sitshilo isizukulwana sikaSibiside, uMalanganga kaMnguni kaAfrika
Sathi amaAfrika makamanyane ukususela ezantsi ukuyakutsho emntla-Afrika
UJola uwaphosile amazwi kwabandlebe zivaya
UJolinkomo, uNgwanya, UMphankomo, uQengeba 
Ugqogqi iindlebe ezimomeneyo bubuthulu
UMfaz’ obele lide oncancisa nangaphayo komfula,
Uqhuqha inkwethu emehlweni wamaAfrika
Kukuni ke ukuba niyakuva okanye nizenze izithulu
Kukuni ke ukuba niyakubuya nibone, okanye nozenza iimfama
Kukuni ukuba nakungamhoyi uNjuza, uS’thukuthezi, uHakaha uHodoshe 
Lo uthandwa mhla kukubi, uyithethile ebeyithunyiwe
Livumeleni ke ithole loMthwakazi lihle, nehlombe limkile
Ndisatsho: Imbongi ayinatyala ibhodla okuphakiweyo
Ndegram


Thursday, 18 August 2016

NdingumAfrika eAfrika na?


NdingumAfrika eAfrika na?

Ndizalelwe eAfrika, ondizalayo naye wazalelwa apha eAfrika
Lomnombo wobuAfrika wenjenjalo ukukhenketha kumacwecwe embali
Mbali leyo eyacinywayo, yafinyezwa, yenziwa mfiliba
Kusiliwa obu buAfrika bam

Bubo obu Afrika obungenanto, ingako, ibonakalayo namhlanje
Ngoba: NdingumAfrika eAfrika,
Ndizalelwe eAfrika, ondizalayo naye wazalelwa apha eAfrika
Ezalwa ngozelelwe eAfrika, kube njenjalo ukuyakutsho kwintsusa yehlabathi
Kodwa akukho nanye into eyeyam eAfrika

Sendimana ndiduda, ndigqushalaza, ndizabalaza, nditsholo ezantsi ukuba
NdingumAfrika eAfrika, Ndizalelwe eAfrika,
Ondizalayo naye wazalelwa apha eAfrika
Kodwa kucace gca, ukuba, akukho nanye into yaseAfrika ekumel’ ukuba ndibenobango kuyo

Andinamhlaba tu kweli laseAfrika, nakulo lonke elimiweyo,
Andinazambiwa, nasinye, ngoku zombiwa apha eAfrika, kodwa ndiyomba
Ndiyombela, hayi kuba ndinenkenqe yokhokho bethu, ooNtsikana ababeyombela
Ndombela isizukulwana salowo iquza lakhe lisentanyeni yam

Sona isikade simile: Andinayo nanye into eAfrika
Ndiphila ngamatorho, ngokungqiba kwabasemzini,
Ndiphila ngokuyekelelisa intloko, ndijingise inyeke,
Ndomelwe yimatha, kuba kubi akukuhlanga tu, kwaphela

Kodwa: NdingumAfrika eAfrika, Ndizalelwe eAfrika,
Ondizalayo naye wazalelwa apha eAfrika, Ezalwa ngowazwalelwa eAfrika
Nto leyo ndingaziyo nokuba lilishwa nokuba lithamsanqa na
Ngoba amaAfrika ayakhasa kulo lonke elimiweyo
Ukususela eKapa ukuya kuqhina eKhayiro, Ukuphuma eMelika ukuyakutshona eNyuzilanti
Akukho kuphumla kubukhoboka bamaAfrika, nalapha eAfrika
Nalowo ufumene itarhu lokuba phantsi kwedyokhwe, ngokuqashwa,
Ubulela isonka nje, akukho nto ingako, kaloku ubucaka bobaphakade, ndiyabona

Othe waba ufulathelwa ngamawabo kwaphela, uxel’ ukhetsha ukudla amantshontsho ezinye iintaka
Naye eyintaka phofu, Akacingi tu ukuzingela ezinye izilwanyana,
Ingenguye wenzeni, ibubungozi amelana nabo xa axhumela irhamncwa nenzala yalo
Yho! Sofa siqhankqalaza.
Xa sicinga kuyalunga kuyonakala; Xa becinga kuyonakala bayalungelwa
Linzima igqirhwa elasithakathatyo

NdingumAfrika eAfrika,
Ndizalelwe eAfrika, ondizalayo naye wazalelwa apha eAfrika
Kodwa ndingoyena mntu ungaziviyo ndisekhaya eAfrika
Ndihlala ndizibamb’ umzimb. Mhlaw’mbi ndingowasemzini apha.
Kumele ndibesimilo simbi ukuze ndamkeleke kule Afrika kaloku
Kumele ndithethe lwimi lumbi, ndinxibe sinxibo simbi, ndinqule thixo umbi,
Ndizimase masiko wambi, ndifunde mfundo imbi, ndamkele kuphila kumbi
Ndikholwele zizinto zimbi. Ndamkele ukuba nembali ethile.
Ndithetha-thethane, ndingazula-zuli kuyo yonke indawo
Ukuze ndibenako ukuvunyelwa ukuphila eAfrika, ngokwasemthethweni noko

Tyhini kodwa uxhelekile umoya, wonzakele umzimba wam,
Udandathekile umphefumlo wam, nengqondo yam ixinezekile
Ngoku ungaba naso njani isibindi sokuthi kumele ndiqinise ukusebenza ndophila?
Bubugqi bantoni obu ubushumayelayo bokokuba intsokolo yam yenziwe kukonqena kwam?
Izinto zodlala azaziwa ndiyabona. Inxeba lale ndoda ingumAfrika yintlekisa!
Kodwa kuthiwa mandibe ngumntu woxolo, anditsho?
Kodwa ndiyayalwa, mandingazilweli utshaba lwam, akunjalo?
Tyhini, bendiba ndiyingqondi kanti ndisisiyatha.
Bendibasendikhanyiselwe kanti ndiyabula kwisitho-thoko sobumnyama.
Lento kuthiwa lutshaba, iyabhanxa!
Indithengisele amaphupha, ndayinika ukuphila.

Imbongi ayinatyala. Ibhodla ekuphakiweyo. Rhabula apha ke wena, ungafinci.
Ndegram.

SNLV kaJolinkomo
18/08/16 20:30